



lfilim Entsha:
SHINGALANA Kudlala uJohn Varty, uElmon Mhlongo noGillian van Houten.
IBALI LOKWENYANI
can do the same for you.





ISHINGALANA le libali lokuba nesibindi

namandla. Zisuka nje iintshukumo, inkqubela namava eli thole lengonyama zikhutshwe ngobunjalo bazo kule filim. Ikhamera ibone 10 mmangaliso xa eli thokazi likhula ukusuka kukuba sisidalwa esiethe-ethe liba sesidlamkileyo nesifuna undikho. Umphumo yiSHINGALANA, umxube onomdla webali lenzululwazi nemvakalelo zabantu. Libonisa indlela elikhula ngayo ithole lengonyama kwanendlela elithandwa nelixhaswa ngayo yintsapho eye yayichola. Lihlola obu buhlobo bubalaseleyo ukusa apho ujohn, uGillian noElmon baye banyanzelwa
ukuba balifudusele kummandla omtsha. Bonke bayaziqonda iingozi ezibandakanyekileyo ekuzimiseleni kwabo kodwa ke baye baxhalaba ngokuxhalaba xa ushingalana selethe eyingonyama eqavileyo. Kuphakama umbuzo omnye:
ngaba ukubekwa kwakhe endle kuza kuphumelela, ngaba uza kuphila yedwa? Eli bali linamacandelo amane liboniswe kwiM-Net ngoFebruwari nangoMatshi nonyakanje kanti iziqendu ezimbini zokugqibela ziza kugqityezelwa ngasekupheleni konyaka ozayo kwaye ziza kusasazwa kumazwe ngamazwe kokubini kwintengiso kumabonakude neevidiyo.
lfiiim Entsha:
SOWETO GREEN Kudlala uJohn Kani, uScottie Caldwell, uSandra Prinsloo, uKobus Rossouw, uCasper de Vries noSue Pam Grant IBALI ELIHLEKISAYO


Nayo le ifana nqwa nezinye iifilim zakwaToron Screen Corporation ezizise intywenka yemali njengale ethi THERES A ZULU ON MY STOEP nale ethi TAXI TO SOWETO, umbhali wayo uMfundi Vundla uyichaze le filim njengebali elihlekisayo. ISOWETO GREEN libali lokwenyani likaMfundi Vundla obuya elubhacweni nochithe ama-20 eminyaka eselubhacweni eUnited States. Eli libali elibhalwe
nguVundla nelinento yokwenza nobomi bakhe. U' Curtis ekunye nenkosikazi yakhe enguMdaka waseMerika babuyela kuMzantsi Afrika ongasenalucalucalulo bevela elubhacweni. UCurtis ngumthandi wendalo onobuqhetseba, udlalwa ngujohn Kani, unenkolo yokuba iingxaki zaseMzantsi Afrika zinokusonjululwa ngokuiyala imithi emininzi eSoweto. Uchukumise abantu behlomela-dolophu elisemNtla aze athathwe yinkampani yokwakha enkulu yabamhlophe imfake kwisigqeba sabaphathi bayo. Eli libali elihlekisayo nge affirmative action kuMzantsi Afrika omtsha, liza kuthandwa ngabo bonke abantu baseMzantsi Afrika, itshilo iprodyusa uCarl Fischer.





IKHULULEKILE EKUGQIBELENI

InidabaZeecawa

Ifumana impumelelo ikwayala yoBuhle bensindiso ephethwe nguMfundisi uLephie Masina


 IBUHLE Beniniva Church of Zion ephethwe nguBhishopu uDlomo ibe yicawa yokuqala yamaziyoni enekwayala ekhuphe icwecwe.
UMfundisi uLephie Masina ongumqambi nomlungelelanisi womculo obengaphantsi kukaBhishophu Dlomo ube negalelo ekuphumeleleni kwale kwayala ebizwa ngegama lecawa elithi Ubuhle Beniniva.
Kuthe kweyee-90 le kwayala yaxambulisana kwayodwa yaza yaqhekeka. Oku kuxambulisana kuqale ngokungavumelani ngalowo oza kukhetha iingoma emaziqanjwe noza kulawula ukushicilela kwale kwayala.
Zalungiswa ndima iingoma eziza kushicilelwa, uBhishophu akalithanda elo nyathelo. Ndagqiba ekubeni ndiqhubeke nako kuba ndiqonda ukuba uThixo wayefuna ndidlulisele isigidimi sakhe kubantu Bakhe emhlabeni, ukuze basindiswe, utshilo uMfundisi Lephie Masina.
Olo xambuliswano lwenza wangevani ubhishohpuh nekwayala. Ikwayala yoBuhle Beniniva yaqhekeka, ndaneyam ikwayala yam ekuthiwa buBuhle Bensindiso.
Nangona Ubuhle Bensindiso kuyikwayala yaseziyoni, icula
kubalisa UBONGANI HLATSHWAYO






iingoma zonqulo enenkolelo yokuba, kwiminyaka embalwa edlulileyo, ziye zafak' isandla ekushumayeleni uxolo eMzantsi-Afrika.
Ndinenkolo yokuba sibe negalelo elikhulu ekuziseni uxolo eMzantsi-Afrika ngenxa yokuba abantu beli basoloko sefuna ukusibona sicula kwiindawo ngeendawo zeli.
Ikwayala yoBuhle Bensindiso ineemvumi ezineziphiwo njengoMfundisi Lephie Masina, inkosikazi yakhe uEmily, uvirginia Khalishwayo, uSalome Mnguni, upatience Shabangu, uPetrus Msimangu, uAlbert Liremi noMeshack Shabangu.
Ukhe uyive ikwayala yoBuhle Bensindiso ukuba ukhe uzive iingoma zonqulo njengezi Jehova
Wasemandulo, ethi Ikhona Indawo Engcwele, ethi Lihle lzulu, ethi Mbonge ujesu, ethi Wathandaza ethi Give Me Oil ethi Khona Engikuzwayo, ethi Yehla Moya nethiKuyamangalisa

IFree At Last licwecwe layo lamvanje lokubhiyozela ukuzalwa kukaYesu nokuzilela ukufa kwakhe -eli licwecwe leKrismesi nePasika.
Eli cwecwe linengoma ethi Wenzani Lomzalwane ekuyingoma elithiywe ngayo, ethi Malthlonishwe elhi EmThleni Ka Herodi kwanethi Ngingumhlambi.

Njengomfundisi ndifumanise ukuba ukucula yenye indlela eyamkelekile yokudumisa iNkosi uYesu Kristu. Mdumiseni rhoqo ngokucula, utshilo uMfundisi Lephie Masina.U




NEE.SETTLERS NGOKU
ZIVUNYELWE
UKUJOYINA l-PAC


Intetho ebifudula isetyenziswa
yIPAC ethi One Settler, One BulIet
ngathi iphelelwe lixesha ngoku
sekulawula urhulumente
wedemokhrasi. Lo mbutho awuguqukanga kwinkqubo yawo kodwa ngoku uvumela zonke iintlanga zaseMzantsi-Afrika ukuba
kangangokuba ude waqesha ibhinqa lomlungu waseHolland ukuba libe ngomnye wabaququzeleli bawo


kubhale UZED DAVEY kwatota uDAVE ELLINGER




XA bekusalawula urhulumenfe wocalucalulo ubuyiva naphi na
eMzantsi-Afrika intetho yePAC ethi One Settler, One Bullet, yaye ibibenza abelungu babe nentiyo okanye boyike.
Njengoko ngoku kulawula urhulumente wedemokhrasi, nale ntetho iguquliwe yathi One Family, One Plot. Nangona le ntetho ingekho bukhali njengeyokuqala, kodwa ayiyityeshelanga eyona njongo yalo mbutho ekukubuyisela umhlaba kubaniniwo - abantu abaNtsundu beli.
Eminye imibandela eza kufumana ingqalelo kwinkqubo yepolitiki yeli qela yidemokhrasi, inkqubela kwamashishini amancinane namakhulu okuya kwenza kubekho amathuba emisebenzi, ukuqeqeshwa kwabantu kwimisebenzi eyahlukeneyo nokumiswa kwamalungelo abasebenzi apho imibutho yabo iya kuba nenxaxheba enkulu.
Okumangalisayo kukuba ngoku iPAC ivumela nee-settlers (abeLungu namaNdiya) ukuba zibe ngamalungu ayo, kanti okumangalisa nangakumbi kukuba lo mbutho usandul ukunyula umlungukazi ovela kwelinye ilizwe ukuba abe ngumququzeleli wesebe layo eChatsworth kwiphondo laKwazulu-Natal.
UBeate Gerlings (onama-28 eminyaka) ungowaseHolland (eNetherlands) yaye uneMasters Degree in History and Public Administration. Senethuba elimalunga nonyaka elapha eMzantsi-Afrika, kwaye nangona engekabi ngummi weli opheleleyo, uthi akazange abe nangxaki ukufumana imvume yokusebenza
kweli engekafiki kweli lizwe.
UBeate waqala ukuba nobudlelane nePAC esengumlungelelanisi kaMasipala waseRotterdam apho umsebenzi wakhe yayikukunikela ngemali kwimisebenzi yempilo, ukufundisa abantu nokufundisa abantu abadala eMzantsi-Afrika.
Ngaphandle kokuba nomdla kumbutho olwela inkululeko eMzantsi-Afrika, ndilibona lilihle eli lizwe yaye liza kuba likhaya lam kuba ndiyalithanda, utshilo.
Xa umbuza okumenze wajoyina IPAC endaweni yeANC okanye nawuphi na umbutho wepolitiki, uthi:
Bendidibana namalungu amaninzi eANC nawePAC xa ndifyelele






( Umsebenzi kaBeate kukwandisa amalungu ePAC ukuze lo mbutho uphumelele kunyulo loomasipala oluzayo, kunye nonyulo-jikele!e oluza kuba ngo- 1999

eMzantsi-Afrika. Andikhange ndiyithande iANC kuba ibivumela kakhulu urhulumente weNational Party ezingxoxweni. Ibisamkela natoni na  etshiwo yiNP kuba ifuna ukulawula. Ibingayenzi into icingela isininzi yaye ndiyakholwa ibathengesile abantu abantsundu beli. Nkqu nangoku seyilawula iANC isaqhubeka nokuguqulwa yeminye imibutho kwinkqubo yayo.I-PAC yona ayikaguquki kwiinjongo zayo yaye ayikhange ivume ukwamkela nantoni na ezingxoxweni. Izenzo zomkhosi wayo azikhange zindoyikise yaye kucace kwasekuqaleni ukuba akufanelanga kube ngumbutho ocekiswayo. Lo mbutho ngowona ubulwela abantu abangamahlwempu yaye ukholwa kukuba umhlaba ufanele ubuyele ebantwini owahluthwa kubo. Ukholwa kukuba ukufumana umhlaba kokona kuya kubanika amandla okulawula nokuphucula imeko yelizwe, utshilo uBeate.
Xa ebethetha ngokubulawa kukaAmy Biehl, owayengumfundi waseMerika owayeiyelele kweli
Ndagqiba ekubeni ndijoyine iPAC emva kokubona ukuba iANC ivume!a kakhulu urhulumente weNational Party kwisithebe seengxoxo.
UBeate Gerlings noGqr. Selva bemise uphawu IwePAC izwelethu! UBeate ungumzeke!o wokuba IPAC entsha izijonga kanjan! ezinye iintlanga NdingumAfrika mna, utshilo kuthi
owaxululywa ngamanye wahlatywa ngamalungu ePAC eKapa ngaphambi konyulo nyakenye, ukhangeleke ngathi iyammangalisa loo nto kodwa wancedwa nguGqr. Selva Saman, omnye wamalungu amadala esigqeba esiPhezulu SePAC nobefudula enguNobhala wayo wezeMpilo: Ukubulawa kuka Army Biehl yayisisenzo sokucaphuka nokungazi omawukwenze okwakubangelwa ziinkxwaleko ezijamelene nabantu elokishini, utshilo uSelva.
Owona msebenzi kaBeate kwiPAC kukuyifumanela amalungu amaninzi
amatsha eChatsworth ngaphambi konyulo loomasipala. Kungoku nje banamalungu amalunga nama-70 yaye ayandiswa amalungu ngokuba la malungu aququzelele ukufumana amanye amalungu.
Kuluhlu lwezinto ozimisele ukuzenza 10 mbutho yimisebenzi yokuphucula uluntu, ingakumbi abahlala ematyotyombeni.
Singumbutho woluntu siyayazi inkxwaleko nomsindo abanawo abantu basezilokishini yaye intlungu eviwa ngabantu asiyonkqubo yePAC. Xa sinokuba liqela elilawulayo kweli, singanciphisa imali echithwa emkhosini siyisebenzise kwizinto eziluncedo ebantwini, utshilo uBeate.
Ngokubhekiselele ekwabiweni ngokutsha komhlaba nangeziphumo zako ebelungwini abangakuthandiyo, uBeate uthe:
Andiyo- settler mna. NdingumAfrika. I-settler ngumntu ofika kweli lizwe engafunwa ngabantu yaye ongabathandiyo abantu.
l-PAC ngumbutho ongenamkhethe wantlanga yaye nabani na unokuwujoyina, nokuba ngowaluphi na uhlanga, qha nje xa ebathanda abantu baseAfrika, uthathwa njengomhlobo wabantu nomAfrika wokwenene. Nabo banako ukufumana umhlaba.
Xa usiva oku, uthi nqa ukuba kunganjani xa zonke ii-settlers zinokuthanda ilizwekazi laseAfrika zize zigqibe ekubeni ngamalungu ePAC. Ngokuqinisekileyo 10 mbutho unganengxaki ekwabeni ngokutsha umhlaba, qha singathemba ukuba xa usabiwa umhlaba kuveliswa namathuba emisebenzai kungaqalwa ngabantu bomthonyama baseMzantsi-Afrika, abantsundu.
Nakwiphondo leNtshona-Koloni ukhangeleka uza kukhonya kulo umbutho wePAC. lingxelo ezivela kwiofisi yayo eseKapa zezokuba bayanda abelungu abenza imisebenzi ephambili bayajoyina kwiPAC. Abanye babefudula bengamalungu eNP kanti abanye bebengamalungu eIFP naweDp.
Xa besishicilela eli nqaku bekuvakala ukuba kuza kuvulwa elinye isebe IePAC eNtsona-Koloni, kwaye uninzi lwamalungu alo gabelungu.
Ukuba lilungu IePAC kukaBeate Gerlings kusenokubabhida abantu abaninzi, kodwa kuyiphucule imbonakalo yePAC kuba ibisoloko ingumbutho owoyikiwayo ngabelungu ngenxa yokuhlaselwa kwabelungu namapolisa YiAPLA okwenza abaninzi bangayijoyini, bangayixhasi nangemali.





BONA XHOSA - May 1995 49

ABADLALI BEBHOLA
ABAPHAMBILI
NGABAKWAZULU-NATAL
Iphondo lakwaZulu-Natal linabantu abaneziphiwo kwiintlobo-tlobo
zemidlalo - amanqindi, ukubaleka, ikarati, njalo-njalo. Eli phondo linabo
nabadlali bebhola abanesiphiwo kangangokuba uninzi lwabadlali
abaphambili kwifirst division yeNational Soccer League (iNSL) bazalelwe
kulo. Ingxelo nguMlKE MTAKATI...

IPHONDO laKwaZulu-Natal livelisa
abadlali abaphambili bebhola
abazenzela igama kwibhola yodidi lwabahlawulwayo kweli nakwcimanye amazwe. Eyona nto imbi kukuba ngathi akukho mntu uyiqondayo okanye oyincomayo loo nto. Ngaba kukungahoyi okanye akukho mntu unesibindi sokutsho angafihlisi ukuthi, Ewe, iphondo laseNatal livelisa abadlali bebhola abaphambili?
Mhlawumbi abadlali abaveliswa
kweli phondo abahoywa de bagqibe ekubeni bayozifunela udumo nemali kwezinye iindawo, ingakumbi eJohannesburg. Abadlali abaziwayo baseNatal baqala kwangeminyaka yoo-1950 ukuya kudlalela amaqela aseTransvali.

Babethi befika kumaqela akhona babe ngabadlali ababalaseleyo, bawashiye amaqela abebewadlalela eNatal engenabo abadlali abanesiphiwo de agqibele ngokutshabalala!

Ngaba abadlali bagxothwa yintoni kweli phondo? Uninzi

lwabantu abanolwazi lwebhola endithethe nabo bathe eyona nto igxotha abadlali kukungabi namali kwamaqela aseNatal.
Amaqela ebhola aseNatal akabamkelisi imivuzo emihle abadlali abanike nemali yokubakhuthaza, kwaye yingxaki ekudala yaqala leyo, litshilo elinye igosa lebhola elingafunanga likhankanywe igama lalo. Ndiyamngqinela lo mfo!
Oku kundikhumbuze abadlali abanjengo-Ten Ten Nzimande, u-Bizzah Dlamini, u-Mthofi Khumalo no-Senzeni Ntsibande, xa ndibala nje abambalwa, abahamba eNatal ngasekupheleni kweminyaka yoo-60 nasebutsheni beminyaka yoo-70 bayodlalela amaqela aseTransvali.
Bonke aba badlali bafika babalasela kumaqela abo, bawunyusa nomgangatho wamaqela aseTransvali. Oko kwenza abantu bacinga ukuba umgangatho webhola eTransvali ngowona uxhomileyo kweli lizwe.
Kodwa akugqibelanga ngabo badlali! Ngasekupheleni
kweminyaka yoo-70 nasebutsheni
beminyaka yoo-80, abadlali abaselula baseNatal bahamba bayodlalela amaqela asePWV (ekuthiwa yiGauteng ngoku), nabo bebefuna imali nokuduma. Abadlali endithetha ngabo nguMajuba Magwaza, uMark Tovey, uLucky Molefe, uSamora Khulu noFani Madida, xa ndikhankanya nje abambalwa.
Nabo aba badlali babe negalelo elikhulu kwimpumelelo yamaqela aseTransvali, bawashiya esokola amaqela aseNatal.
Amaqela aseNatal anjengeLamontville Golden Arrows, iBush Bucks, iDurban City neKwaMashu Ireland United akhe adlala kwifirst division, kodwa ngoku akasondelanga nokusondela kuyo, kwaye ngayesadlala kuyo ukuba akazange ahanjelwe ngabadlali abaphambili.
Nkqu nakule minyaka abadlali basaqhubeka nokuhamba eNafal nangona amaqela akhona seyiqonda into yokuba abadlali bagxothwa kukungabi namali kwawo, kwaye ngoku akhuphisana namanye amaqela ngokwamkelisa
imivuzo neebhonasi ezintle. Abadlali abaselula nabaseze
ngobuso elizweni basafuna ubutyebi nokuduma, yaye bakholwa kukuba ezo zinto banokuzifumana eGauteng kuphela. Abadlali abanjengosizwe Motaung, uHelman Mkhalele, uInnocent Buthelezi noInnocent Mncwango ngabanye abadlali abaye kufuna amadlelo aluhlaza eGauteng kule minyaka imbalwa idlulileyo.
Aba badlali ndibakhankanyileyo baseNatal basoloko bedlala kumaqela abawadlalelayo yaye abanye badlala kwiqela lelizwe laseMzantsi-Afrika!
Umbuzo ke ngowokuba: Yintoni enokwenziwa okanye efanele yenziwe ukunqanda abadlali bangemki kumaqela eli phondo?
Kusenokwenzeka ukuba abagxothwa kukuba phantsi kwemivuzo, koko bagxothwa yinto yimbi endingayaziyo. Ndinqwenela ukuva ezenu iimbono ngalo mbandela. Bhalelani kule dilesi:
BONA Magazine, Sports Desk, Box 32083, Mobeni, 4060..




Phantse onke amaphephandaba ayechasa inkqubo yocalucalulo ebexhomekeke kwiminikelo evela kwamanye athe shwaka -ngaphandle kwelikaNicolette Tladi 
iNemato Voice. lngxelo uMatthew Butana..,.


UNicolette Tladi -Umpapashi Obalaseleyo
eMzantsi-Afrika



NDITHE ndakudlan' indlebe nonondaba okwangumhleli,
uNicolette Tladi, ndaqonda ukuba ndithetha nenkcubabuchopho.
Ngokuziqalela elakhe iphephandaba wafikelela enkcochoyini Kuthiwa yiNemato Voice, iyathandwa kuba ineendaba jikelele, ezepolitiki nezemidlalo kwinqila yasePort Alfred eMpuma Koloni.
lNemato ngokutsho kukaNicolette iligama elisishunqulelo sika- Nelson Mandela Township. Ngamany' amazwi iNemato Voice liphephandaba loluntu elinento yokwenza nokucingwa nguMongameli-mbuso uNelson Mandela.
Ndimbuzile ukuba waliqalisa njani eli phephandaba.
Uthe: Ndathi ndakufikelwa yingcamango ebang' umdla, ndaya koosomashishini
Ndacela uncedo kweli phulo. Ngezo mini kwakunzima kuba lo mcamango wafika xa kwakugquba izidubedube kwiipolitiki kweli. Abantu babezondana. Kwakufuneka okuthile ukulungisa intiyo yobuhlanga!
Ekugqibeleni, kwenye intlanganiso yoshishino, uluntu lwazibophelela ekuxhaseni naliphi na iphulo elikhuthaza unxibelwano loluntu ukuze kumanywe abantu
basePort Alfred. Oko kum kwaba ngumqondiso olungileyo wokuba ndiqhubeke nokushicilela.
Ngaphambi koko uNicolette wayenqwenela ukuba lipolisa, akazange athathwe kuba, uthe:
ndandimtutshane ndimkhulu.
Ndasebenza kwifektri yempahla iminyaka emithathu ndingunobhala okwangumphathi. Kwiminyaka emibini kamva ndaqeshwa yiDET kwisikolo sasefama. Ethubeni ndaba 
ngunondaba kwiphephandaba
labelungu, iCoastal News.
Ndikruqulwe yimithetho engqongqo ebicinezela abantu abamnyama kwiipolitiki, ndenza izifundo zokuba ngunondaba ngokuncedwa yiEast Cape News Agency (ECNA) eyayiphethwe nguFranz Kruger okwaSABC ngoku.
Apho ndadibana ndabelana neembono neengqonyela zoonondaba abanjengoAndrew Trench, uPhila Ngqumba, uClaire
Keeton nabanye. Ndixhotyiswe ngoqeqesho olunje, ndaya kubaphathi beQumrhu Elinceda Amashishini Asakhasayo (SBDC) abavuma ukusiboleka imali encinane. Sakuyifumana sathenga ikhompyutha, ifax machine nomashini wokushicilela, saqesha iiofisi neefoni. Malunga nje nenyanga ushicilelo lokuqala lweNemato Voice lwathi saa ezitralweni! utshilo onwabile.
lNemato Voice isathengiswa, iyathandwa phezu kwazo izoyikiso ezenze awa amanye amaphephandaba azimeleyo. Ikwafumana inkxaso-mali kwi-Independent Media Diversity Trust (IMTD), kwizibengezo zezinto kwingqingqi yalo nezezinye iindawo, kwimirhumo neminye iminikelo. Ulifumana phi lonke eli futhe?
Usapho lwakowethu lundixhasa kwinto yonke, utshilo.





YENZA IZITULO ZESIKOLO
Amaplanga asetyenziswe apha afumaneka kwivenkile zakwaTIMBER CITY ezinamasebe kulo lonke eli,
abasebenzi babo abanobuhlobo baza kukucebisa ngendlela yokufumana iziphumo ezihle, nezixhobo onokuzisebenzisa.
lzinto ezisetyenziswayo:
Kufuneka ube: neMeranti - iplanga eliyi-1 ,8m, libe yi-220mm ububanzi, libe yi-2Omm ubungqingqwa, iplanga eliyi-32 x 32mm; izikru ezisi-8 eziyi-5Omm, iglu yamaplanga nevarnish.
Kuqala, sigudise onke amacala sisebenzisa iSKIL 1400 belt sander. Kulula ukugudisa amacala phambi kokuba usarhe iplanga libe bubude obufunayo.
lmifanekiso A, B no-C ibonisa indlela imilenze efakwe ngayo kwiplanga lokuhlala Amaplanga amabini ayi-32 x 32mm ubude aqinisa umlenze ngamnye. Kulula, komelele. Sebenzisa iglu nezkru ezimbini kumaplanga asemacaleni ukuze uqinise ahlanganisileyo.
Nantsi indlela esihlanganiswa ngayo wakuba usigudisile.
Ukugudisa iindawo ezirhabaxa, okanye ukunciphisa ubungqingqwa beplanga, sisebenzise iSKIL Mod 92 plane


Ukubenzela izitulo abatundi bezikolo ezikwinginqi okuyo kuya kubenza bahlale kakuhle yaye bazikise ingqondo ezitulweni. Ukwenza izitulo ezinjengesi siboniswe apha akuzunceda Uluntu kuphela nawe kuzakuzisela imali, ukwenza ezi zitulo kulula kakhulu xa usebenzisa izixhobo zombane zakwaSKIL
kubhale uROD BAKER

lndlela yokusenza:
Sisebenzise ISKIL 5350 circular saw
ukusarha imilenze, ngamnye uyi-250mm
ubude, indawo yokuhlala esitulweni iyi 1,2m ubude. Kwimeranti eyi-32 x 32mm sisike amaplanga amane asemacaleni ngalinye liyi-220mm ubude. Ukusarha okumile okonobumba u V kwimilenze akubalulekanga, sikwenzele ukuze sibe
sihle isitulo.
Usebenzisa 1SKIL 1400 belt sander, gudisa amaplanga okuhlanganisa, gudisa okokugqibela macala onke ukuze uqinisekise ukuba akukho planga livelileyo eliya kuhlaba abantwana.
ISKIL 6425 drill isetyenziswe ekuvuleni imingxuma nasekuqiniseni izikru kuba isantya kuzo zonke iidrills zakwaSKlL sixhomekeka kwindlela olicinezele ngayo iqhosha


ukuze kuvele iintambo ezimbini kangange-2Omm, sika i-5mm yeplastiki yezi ntambo ukuze kuvele iintambo zekopolo.


FUNDA OKU NGOCOSELELO
Nasi isitulo esilungele ukuhlala abantwana. Kuba ngoku wenze esi situlo silula, unokuzama ukwenza okunye usebenzisa isixhobo sombane sakwasKlL Nceda uluntu, nceda usapho lwakho, zincede.


Izixhobo zombane nezodidi zakwaSKlL zezaseMelika, ezinye zineeplagi ezingangeni eludongeni. Zitshintshe, kodwa lumka. Uzitshintsha kanje:
Xa usebenzisa isixhobo sombane LUMKA, xa ungazi ukuthi sisetyenziswa njani eso sixhobo sombane esineplagi sise konolwazi ngombane, mcele akubonise ukuthi ungasihlanganisa njani:
Ezi ntambo zimbini zihlanganiswe kwiintsinjana EZIMFUTSHANE ezimbini kwiplagi. Ezi ntambo unokuzifaka nakweyiphi kwezi NTSINJANA, kodwa kwiplagi. Le yeyocingo oluhamba nocingo lombane. Qinisa njengoko ubona emfanekisweni, buyisela isingxobo seplagi. Ngoku unokusisebenzisa esi sixhobo.
Ezinye zezi plagi zibubeka kanje, zisike kwintambo - qiniseka ukuthi intambo akuyisiki kakhulu.
Xa intambo ineentambo ezintathu -iintambo ezimbini ezidlulisa umbane nolunye ucingo olusebenzisana nombane lona lugqunywe ngeplastiki
Embala OQONDA NOLUHLAZA, le ifakwa kwintsimbi ENDE yeplagi. Khangela ifoto okanye xa umbane ungawazi cela onolwazi ngawo akulungisele.






IIBHODI EZINTLE
ZEFASHONI
Isenokuba ayibonakali into oyinxiba ,ngaphantsi, kodwa xa unxibe ibhodi ekulinganayo, umila kakuhle yaye uzithembe. Ukuxhasa amabele akho uwakhathalele usemncinane kuwenza aphile yaye angehli ngokuya ukhula. Xa uthenga ibhodi, yilinganise kuqala. Cela umcebisi wakwaplaytex akufumanele isayizi ekulinqanayo okanye uyilinqanise ngolu hlobo: Sebenzisa itheyiphu entsha engatsalwanqa, uqinisekise ukuba akuyitsali itheyiphu yaye ingabheni xa ulinganisa. Ungalinganisi ngaphezu kwempahla oyinxibileyo, Qala ukulinganisa ngaphantsi kwamabele.

1.Qala ngokuzilinganisa phantsi kwamabele, apho kuza kuhlala khona ibhodi.
2. Ngoku linganisa ubukhulu bamabele akho. Imilinganiso yakwaplaytex iya kukubonisa isayizi yebhodi ekufaneleyo.
Ngokomzekelo: Ngaphantsi kwebele  75cm; Ngaphezulu kwebele  89cm; Isayizi yebhodi
 34B.

OKULUNGISELELWE ABAFUNDI BEBONA
Ukuze ufumane iphepha elibonisa iisayizi zamabele lakwaPLAYTEX simahla bhalela 
kule dilesi:PTaytex/Bona Free Gift, Box 12359, Jacobs, 4026. Amanenekazi ali-100 anethamsanqa aya kuzuza itheyiphu yokulinganisa simahla.



3. Iindawo ezigquma amabele zifanele zikulingane kakuhle. Ukuba unenyama evele ngasentla okanye emacaleni eengalo zakho, oko kuxela ukuba ibhodi incinane

4. Qinisekisa ukuba ibhanti yebhodi ejikeleza umzimba iyakulingana. Xa ithambile inokwenza amabele angaxhaseki kakuhle

5. Amabhanti angasemva ebhodi kufuneka angabaleki emagxeni. Ibhanti engasemva kufuneka ilingane neyangaphambili. Ukuba akalingani, alukufanelanga olo hlobo lwebhodi


6. Ibhodi kufuneka ithi tywaba kwithambo	
7. Amabhanti ayo kufuneka abambelele emagxeni kodwa angatshoni. Kufuneka
angasuki kwindawo akuyo xa ushukumisa iingalo

8. AbakwaPlaytex baneentlobo-ntlobo zeebhodi ezilungiselelwe ibhinqa elinamabele amakhulu. Ezi bhodi zinamabhanti amakhulu angatshoniyo emagxeni nawakhusela kakuhle amabele akho.




9. ICROSSOVER yenziwe ukuze iwaxhase kakuhle amabele yaye zitofotofo iindawo ezigquma amabele

10. Izinto ozinxiba ngaphantsi kufuneka uzihlambe emva kokuzinxiba kanye. Sebenzisa isepha engebukhali, ungayisebenzisi into yokwenza impahla ithambe.
(1) Zihlambululisise.
(iii) Ungazikhami okanye uzomise ngomatshini yaye ungazineki elangeni Ezo zinto ziwenza amabhanti anganwebeki





11. Ikho ibhodi elungele nokuba ngamabele angakanani na, yaye ukunxiba ibhodi ekulinganayo kukwenza ube mhle yaye uzithembe. Impahla yakho ibantle yaye umila kakuhle. Zama ukuba neebhodi ezintathu okanye ezine ukuze uwakhathalele kakuhle


kufote UVIMMI KRUGEP imake-up neenwele nguJ.P. MALHERBE umlungelelanisi ngUWENDY CLEGG zonke ibhodi zezakwaPLAYTEX



IISALADI EZAHLUKAHLUKENEYO


Isaladi zerayisi zisoloko zithandwa ngabantu. Zama ukwenza nayiphi na isaladi oyithandayo okanye uqale ngokulinga ezi. Icebiso - Sebenzisa imifuno njengezitya oza kuhamba nazo xa nisiya kwipikniki okanye ukuhombisa ipleyiti ophakele kuyo.

ISTUFFED GREEN, RED, AND YELLOW PEPPERS

500ml (2 iikomityi) yerayisi ephekiweyo
elinywe eMelika
75m1 yeplain natural yoghurt
15m1 yeFrench dressing
15m1 yemustard
1 itswele, linqunqisiswe
lOOg inkonkxa yewhole kernel corn
lOOg yee-erntyisi eziphekiweyo
15m1 yeechive ezinqunqiweyo

Dibanisa zonke izithako ndawonye.
Sika iipepile phakathi ngokobude bazo. Yithi nxu iipepile emanzini abilayo imizuzu emi-3 uze ugalele umxube ngaphakathi kuzo. Ziphe abantu
zibanda.

ISTUFFED TOMATOES

Sika umntla weetumato, khupha indawo engaphakathi uze ugalele lo mxube ulandelayo ngaphakathi kwitumato:

500m1 (2 iikomityi) yerayisi ephekiweyo
elinywe eMelika
125m1 yemayonnaise
15m1 yencindi yelamuni
1 inkonkxa encinane yetuna, ikhutshwe
amanzi, yenziwe amacwecwe
50g yeeolive, zinqunqwe
1 inkonkxa yenllanzi, zinqunqwe
30m/ yeparsley enqunqiweyo
3 amagaqa espring onion, anqunqwe

ISTUFFED ORANGES

Sika umntla weeorenji ukhuphe indawo engaphakathi, uze uyizalise ngalo mxube ulandelayo:

500m1 (2 iikomityi) yerayisi elinywe
eMelika
125m1 yeFrench dressing
30m1 yencindi yeorenji nemicu yeorenji
30m1 yobusi
30m1 yeenkozo zesunflower
lOOml yeewalnuts ezinqunqiweyo
i-quar yecucumber, inqunqwe


ISUNSHINE RICE MOULD

425g yecrushed pineapple, ekhufshwe
amanzi (agcinwa)
135g ipakethe yelemon jelly
2 iminqame, zixotyulwe zize zigreyithwe
50g yeerasenlyisi ezikhufshwe iipete
300m1 yerayisi ephekiweyo elinywe eMelika
2 iiorenji, zixotyulwe
90m1 yepecan nuts, zisikwe phakathi
iisalad greens

Yenza ijelly ngokwemiyalelo ekwipakethe yayo usebenzise incindi ekhutshwe kwinkonkxa yephayinaphu kunye namanzi. Galela isiqingatha somxube kwiimould ize enye yazo enkulu uyigalele isiqingatha sejelly exutywe nophayinaphu, iminqathe neerasentysisi. Yiyeke iphole iqine. Dibanisa ijelly eseleyo nerayisi ephekiweyo uze umxube uwugalele ngaphezu kwejelly uze uwubandise efrijini. Wukhuphe umxube kwimould uze uyiphe abantu ihonjiswe ngemicu yeorenji, iipecan nut neesalad green. Inokutyiwa ngabantu aba-6.


IPEACH CRISP

500ml yerayisi ephekiweyo elinywe eMelika
400ml yeepesika okanye inkonkxa eyi-4 lOg
yeepesika, zikhutshwe amanzi
1 70m1 yeswekile emdaka, ihlulwe kubini
185m1 yeflawa
3m1 yeground cinnamon
intwana yeground nutmeg
65m1 yebhotolo okanye imagarini
185ml yeewalnut ezinqunqiweyo icream eqhuqhiweyo okanye i-ice cream (xa uthanda)

Dibanisa irayisi, iipesika, nesiqingatha seswekile esityeni sokubhaka esithanjisiweyo. Xuba iflawa, iswekile eseleyo eyi-85m1, icinnamon, nenutmeg esityeni esinobukhulu obuphakathi; zamisela phakathi ibhotolo de umxube ube ziimvuthuluka. Fafazela umxube weflawa ngaphezu kwerayisi. Fafazela iiwalnuts ngaphezu komxube weflawa. Bhaka kubushushu obuyi-1 80C (isitovu segesi usibeke ku-3) imizuzu engama-20 kuse kwengama-25. Yiphe abantu ishushu kunye necream eqhuqhiweyo okanye i-ice cream, xa uthanda.



38 BONA XHOSA - May 1995

38 BONA XHOSA - May 1995

		BONA XHOSA - May 1995 45

		BONA XHOSA - May 1995 47

62 BONA XHOSA - May 1995

66 BONA XHOSA - May 1995

76 BOA XHOSA - May 1995

		BONA XHOSA - May 1995 77

		BONA XHOSA - May 1995 91

